The WWF is run at a local level by the following offices...
- WWF Global
- Adria
- Argentina
- Armenia
- AsiaPacific
- Australia
- Austria
- Azerbaijan
- Belgium
- Bhutan
- Bolivia
- Borneo
- Brazil
- Bulgaria
- Cambodia
- Cameroon
- Canada
- Caucasus
- Central African Republic
- Central America
- Central Asia
- Chile
- China
- Colombia
- Croatia
- Democratic Republic of the Congo
- Denmark
- Ecuador
- European Policy Office
- Finland
Kutheni kufanele sinqamle ukosulelana ngentsholongwane yeKhorona ngokukhawuleza
I-WWF isebenzela abantu nendalo – Yiyo lonto sikuphathela lengcaciso ngesifo esibizwa iKhorona okanye i-Covid-19 ukuze ufunde, ugqithisele ulwazi nakwabanye.
I-Covid-19 yintsholongwane entsha, kwaye, ichiza lokuyigoma nokuyinyanga alikafumaneki. Kubalulekile ke ukuba sisebenzisaneni ukunqamla ukosulelana ngalentsholongwane ukuze sinike oogqirha nabongi ithuba lokusindisa ubomi.
Ingaba yiyo lonto iintshukumo zinqunyanyisiwe esizweni sonke?
Kunjalo. Ngokuthi sihlale ezindlini, sinqumamise imicimbi neentlanganiso ezinkulu, senza igalelo ekunqamleni ukosulelana ngale ntsholongwane ye-Covid-19. Kodwa ke zikhona iindawo ezivumelekilyo ukushishina, ezifana neevenkile ezinkulu zokutya, ezamachiza kwakunye nezithengisa izinto ezibalulekileyo empilweni yabantu.
Yintoni kanye intsholongwane yeKhorona okanye isifo se-Covid-19?
IKhorona yintsholongwane ehlasela umqala nemiphunga. Le ntsholongwane yaqala kwilizwe lase China kwinyanga yoMnga yonyaka ka-2019, kodwa seyityhutyhe amazwe angapha kwekhulu, nalapha e-Mzantsi Afrika. Yiyo lonto umbutho wamazwe amanyeneyo kwezempilo i-World Health Organisation uthe wasibiza esisifo se-Covid-19 ngobhubhane. Lonto ichaza ukuba sityhutyha ngokukhawuleza kwaye sichaphazela umhlaba wonke jikelele.
Ngubani osemngciphekweni wokosuleleka?
Abantu abasemngciphekweni omkhulu wokosuleleka sesisifo ngabantu abadala, abantu abanempilo e-ethethe, kwakunye nabongi noogrirha. Kodwa ke ulutsha nalo lunenxaxheba yokuncendisa ekunqamleni ukosulelana ngesisifo.
Njengoko nisazi ke, eli lizwe lase Mzantsi Afrika linengxaki yabantu abaninzi abanentsholongwane kaGawulayo, abanesifo sephepha, eseswekile kwakunye nesentliziyo. Abantu abanezizifo neemeko ezibaliweyo basemngciphekweni omkhulu wokosuleleka nokugula kakhulu xa bathe baphathwa yintsholongwane yeKhorona.
Ithini imeko yabantwana?
Esi sifo sibagulisa kancinci abantwana, kodwa ingozi yeyokuba bayakwazi ukosulela abanye abantu, ngako ke kusabalulekile ukuqinisekisa ukuba nabo abantwana abasondelani nabanye abantu.
Yosulela kanjani intsholongwane yeKhorona?
Le ntsholongwane isasazeka ngamathontsi aphuma emlonyeni okanye empumlweni xa umntu onale ntsholongwane ekhohlela okanye xa ethimla. Lamathontsi anentsholongwane athi awele ezindaweni ezininzi kwaye kuyenzeka ukuba ahlale ixesha elide kwezo ndawo.
Zeziphi iimpawu zesi sifo?
Ukukhohlela, umqala obuhlungu, isifuba esiminxeneyo kwakunye nomkhuhlane ngamaxesha athile.
Inyangwa njani lentsholongwane?
Abantu abaninzi bafumana umkhuhlane nje ongayanga phi bade baphile ngokuzonga, bengakhange bafumane unyango. Ukanti ke kuyenzeka abantu bagule badumbe imiphunga kubenzima ukuphefumla de kufuneke basiwe esibhedlele.
Ndingenza ntoni ukuthintela usasazo lwalentsholongwane?
-
Hlala endlini uthobele lomqathango wokunqunyanyiswa kweentshukumo, kwaye ubhekele kangangamanyathelo amabini ukusuka komnye umntu.
-
Hlamba izandla zakho kude kuphele imizuzwana engamashumi amabini usebenzisa isepha okanye ichiza lokuhlamba izandla elibizwa nge-Hand sanitiser, elinomyinge wamashumi asixhenxe wesibulali ntsholongwane.
-
Ungaphathi amehlo, impumlo nomlomo wakho ngezandla ezingahlanjwanga kuba lentsholongwane ingena ngezondawo, ityhutyhe umzimba wakho.
-
Coca zonke izinto kwanendawo ezibanjwa rhoqo.
-
Ungasondeli kakhulu ebantwini abagulayo.
-
Hlala ekhaya xa ugula.
-
Xa ukhohlela okanye uthimla gquma umlomo okanye uthimlele ngaphakathi engqinibeni yakho, okanye kwi-tissue, ze uyilahle emgqonyeni wenkunkuma xa ugqibile.
Yeyiphi eyona ndlela yokuhlamba izandla kakuhle?
-
Manzisa izandla uzithambise ngesepha, uzihlikihle imizuzwana engamashumi amabini ungafaki amanzi.
-
Hlikihla phakathi kweminwe usebenzisa iintupha zeminye iminwe nentende yesandla.
-
Xa ugqibile, galela amanzi uhlambisise izandla zakho.
Kufanele ndizihlambe kangaphi izandla zam?
Rhoqo njengoko kunokwenzeka, ingakumbi xa ubuthe waphuma phandle, xa ufika ekhaya, phambi nasemva kokuphaka ukutya naxa uphuma endlini yangasese.
Senze njani xa singenawo amanzi empompo?
-
Misela indawo yokuhlamba izandla usebenzisa imbombozi eyanela iilitha ezintlanu zamanzi, uyisebenzise nje nge mpompo.
-
Okanye uzenzele eyakho impompo evulwa ngonyawo, usebenzisa imbombozi.
Yintoni ekufanele uyenze ukuze ufumane uvavanyo lwe-Covid-19 xa ukrokrela ukuba unentsholongwane yayo ?
Yiya kwi-webhusayithi yombutho wezifo ezosulelayo i-National Institute for Communicable Diseases ufunde ngeengcebiso.
Ukuba ukhe wasondelana nomntu ogulayo, okanye umntu one-Covid-19, emva koko ugule ngumkhuhlane, ukhohlele, uxinane nesifuba, tsalela umnxeba ku 0800 029 999 okanye ugqirha, ubuze ukuba udinga ukuyovavanywa na okanye hayi.
Ingaba kuluncedo na ukunxiba imaski yobuso?
Kufanele unxibe imaski xa ubona ukuba kungenzeka wesulele abanye abantu ngesifo.
Kubalulekile ukuba singazisebenzisi sizigqibe izixhobo ezidingwa ngabasebenzi bezempilo (nje nge-maski) ukuze zibekhona xa zifunwa ngakumbi ngabezempilo.
Ukuba ukhathalela umntu one-Covid-19 uyacetyiswa ukuba unxibe imaski kwaye uhlambe nezandla zakho rhoqo.Usakugqiba ukusebenzisa imaski, qinisekisa ukuba uyilahla emgqomeni ovalekileyo ukuze ungasasazi isifo. Kaloku imaski ingayisasaza le ntsholongwane xa ingasetyenziswa kakuhle.
Ngawaphi amayeza ekufanele ndiwasele ukulawula iimpawu zesi sifo?
Okwangoku, ingcebiso ithi thata i-paracetamol (Panado) ukunyanga umkhuhlane. Kukhona inkxalabo yokuba ukusebenzisa i-ibuprofen (iipilisi eziphelisa ukudumba) kungenza imeko ibe maxongo.
Ndingalunceda njani uluntu?
Eyona nto enkulu esizosokola ngayo siluluntu kukuphazamiseka kwenggqondo nomphefumlo ngenxa yokungakwazi ukudibana nabanye abantu. Kufanele siyikhathalele impilo yengqondo kwaye sincede nabanye benze njalo.
Cinga ukuba yintoni ongayenza ukuzinceda wena nabanye abantu bakwazi ukuphila kwelixesha linzima kangaka. Qala iqela lonxukumano nge-Whatsapp engingqini yakho, usasaze iinkcukacha eziphuma kumacandelo athembekileyo, kwakunye nemiyalezo yenkuthazo. Yenza konke okusemandleni wakho ukunceda abantu abadala nabantu abangenamandla okuzinceda.
Ukuba kuyenzeka abantu bagule, baphathele ukutya namanzi (ukuba abanawo amanzi empompo) uzishiye emnyango; hlala ubajonga ku-Whatsapp ne-SMS, utsalele umnxeba kwezoncedo olukhawulezayo ukuba badinga ukuncedwa ekliniki okanye esibhedlele.
Ndingazifumana kanjani iinkcukacha zamva nje?
-
Tsalela umnxeba kule nombolo ukuze ufumane uncedo olukhawulezileyo (0800 029 999), okanye uthumele umyalezo, othi “Hi” kule nombolo ka-Whatsapp: 060 012 3456.
-
Xa ufuna ukufumana iinkcukacha zaseMzantsi Afrika zisatshisa, ngaphandle kokusebenzisa i-data yakho yiya kule webhusayithi: https://coronavirus.datafree.co/